download: Pdficon.png
Odticon.png
Version: 1.0

Umthandazo wemini

Moya oyingcwele ndigcwalise!

Thandaza ukuba umoya oyingcwele asebenze kuwe nangawe.

Yesu ndikhusele!

Zifake phantsi kokhuseleko legazi kunye nomnikelo kayesu.

Bawo wethu osezulwini ndiphe isipho endisidingayo ngolusuku.

Uthixo uyakwazi ukupha yonke into oyidingayo ngosuku.

Enkosi Thixo ngobomi bam nangayo yonke into ondipa yona.

Yithi enkosi ngayo yonke into nangamathuba onke.


Nxiba sonke isikrweqe somkrestu

  • Isigcina-ntloko sosindiso: Thixo khusela kwaye utshintshe ingcinga zam.
  • Isigcina-sifuba sobulungisa: Enkosi Thixo ngenceba ondisindise ngayo.
  • Ibhanti lenyaniso: Thixo ndincede ndithethe inyaniso kwaye ndiyiphile.
  • Izihlangu zokulungiselela: Thixo ndincede undibonise amathuba apho ndinokuthetha ngawe, undincedise ndithethe ngawe.
  • Ikhaka lokholo: Thixo ndikuthembile. Nceda ukhulise ukholo lwam kuwe.
  • krele lomoya/ Izwi likaThixo: Thixo ndincedise ndazi izwi lakho bhetele kwaye ndilisebenzise.

(Kwabase-Efese 6:10-17)