Translations:Forgiving Step by Step/1/xh
Uninzi lwethu siye sinqwenele ubuhlobo obunzulu kunye nobunonathando, ngelishwa sonke sakhe sava ubuhlungu okanye ukuhlukunyezwa ngabanye abantu. Ibuhlungu loo nto kwaye sonke siphila kulomeko imaxongo. Kanje ngoba izilonda zikwazi ukungapholi zibenobubofu, nentliziyo zethu zibanjalo ukungaxoli uba akukho nto siyitshintshayo. Ixesha lilodwa alikwazi ukuphilisa intliziyo!