Translations:Forgiving Step by Step/4/xh

Eyona ndlela yokuzikhupha kwesosimo sibi singapheliyo kukuxolela, yinto enzima kakhulu ke leyo xa uthe weva ubuhlungu obungumangaliso. Kodwa uba asixolelanga sihlala sibophelelekile kulomntu singagqitheli phambili nobomi. Loo nto yenzeka kuba asikwazi ukulibala izinto ezibuhlungu ezisehlelayo qha siye silwe ingcingane. Kodwa uThixo ufuna sikhululeke – sikhululeke kwintlungu, sikhululeke kunxunguphalo, sikhululeke ekufuneni impindezelo kwaye sikhululeke kwizinto ezidlulileyo.