download: Pdficon.png
Odticon.png
Version: 1.1

Amanyathelo okuxolela

Uninzi lwethu siye sinqwenele ubuhlobo obunzulu kunye nobunonathando, ngelishwa sonke sakhe sava ubuhlungu okanye ukuhlukunyezwa ngabanye abantu. Ibuhlungu loo nto kwaye sonke siphila kulomeko imaxongo. Kanje ngoba izilonda zikwazi ukungapholi zibenobubofu, nentliziyo zethu zibanjalo ukungaxoli uba akukho nto siyitshintshayo. Ixesha lilodwa alikwazi ukuphilisa intliziyo!
Ngenxa yoko siye sizihlalele sodwa sakhe amadonga ngelokuzikhusela. singavumeli bani asondele kuthi sibe ngamalolo. Kungenjalo sibenomsindo, singazilibali iziphoso zomnye kwaye sifune Impindezelo.Yonke loo nto izishiya iingcinga zethu zonganyelwe bubuhlungu obenziwe ngu loo mntu kuthi.
ngokusebenzisa ezizixhobo, sizama ukuzikhusela ekuhlukunyezweni, kodwa ekugqibeleni siye sizikhubekise ngakumbi. Kwaye xasikhathazekile asikwazi ukuphatha abanye abantu ngothando – abantu abahlukunyeziweyo bahlukumeza abanye.

Eyona ndlela yokuzikhupha kwesosimo sibi singapheliyo kukuxolela, yinto enzima kakhulu ke leyo xa uthe weva ubuhlungu obungumangaliso. Kodwa uba asixolelanga sihlala sibophelelekile kulomntu singagqitheli phambili nobomi. Loo nto yenzeka kuba asikwazi ukulibala izinto ezibuhlungu ezisehlelayo qha siye silwe ingcingane. Kodwa uThixo ufuna sikhululeke – sikhululeke kwintlungu, sikhululeke kunxunguphalo, sikhululeke ekufuneni impindezelo kwaye sikhululeke kwizinto ezidlulileyo.

Kukuthini ukuxolela?

Ukuxolela kukukhetha ukuyeka ukugxekana okanye ukukhomba umnwe. Umntu umyekela kuThixo. Endaweni yokumgweba ngokwam ndithemba uThixo Okwayizo ukugweba ngokufaneleyo, kwaye ndiyekele yena akhethe emakwenzeke kulomntu. Ikwathetha ukuba izono zalomntu andizibaleli kuye. Ngamanye amazwi,ngenxa yoba ndiphila namaphumela ezono zalomntu kwaye ndingakwazi ukuyitshintsha loo nto. Ndiye ndixole ndimkhulule loo mntu ndilibale kunye namatyala akhe awenze kum.
Sisigqibo sam ndedwa eso. Asixhomekekanga kolomntu, noba uyaxolisa okanye akaxolisi noba ukhona okanye akekho. Asixhomekekanga kulomntu usikhathazileyo.
Nangona ukuxolela kukuhle ukwenzela omnye umntu, okubaluleke kakhulu kukuba ndenzela mna. Xa sixolela siyakhululeka kwingcingane ezimbi ezinje ngokoyika,umsindo okanye unxunguphalo sitsho siphile ngukugqibeleleyo.

Amanyathelo okuxolela

Ngamanye amaxesha sithatha undlela mfutshane xa sixolela sibone mva uba kusekho isingqala esikhoyo ezintliziyweni zethu. Ngoko ke singabaxolela njani abanye abantu ngokupheleleyo? Lamanyathelo alandelayo ayasinceda ukuze sikwazi ukuxolela.

Lamanyathelo mathathu okuqala sizowenza ngocoselelo, uba kuyakwazeka uwenze nomncedi

Kwenzeke ntoni?

  • Cacisa ngokuphangaleleyo nokupheleleyo uba kwenzekeni na.
  • Impazamo eqhelekileyo: yeyoba singangeni nzulu sithethe nje.

2. Yintoni endikhathazileyo? Ndaziva njani?

  • Izimvo zethu zibalulekile kwaye zidlala indima enkulu kubuntu bethu.
  • Impazamo eqhelekileyo: Siye silitsibe elinyathelo sithethe ngenyani zodwa.

3. Sichaze isono okanye sibize ngegama.

  • Sukuzama ukwenza lula izinto ezingalunganga okanye uzame ukuzithethelela. Cacelwa ukuba lomntu ukonileyo ukone njani na ngokwezinto azenzileyo nangazenzanga.
  • Impazamo eqhelekileyo: siye sizame ukumthethelela loo mntu (kodwa uba asiyibizi njengesono akukho kuxolela).

Ngoku siya emthandazweni sizise yonke into kuThixo.

4. Zisa amatyala okoniwa kuThixo.

  • Siya kuThixo ongumgwebi sizise amatyala ngakulomntu usonileyo. Siye siyichaze yonke imbilini yethu kuye kunye nezinto eziphambili ngokwalamanqanaba angaphezulu.
  • Iimpazamo eziqhelekileyo: siye siligqithe elinyathelo, okanye sifihle imizwa yethu kuThixo.

5. Thetha phandle uxolo

  • Ngoku sithetha phandle uxolo ("Ndiyaxolela ___ nge ___") kwaye ndenza isigqibo sonikezela sonke esosiganeko ezandleni zikaThixo.
  • Iimpazamo eziqhelekileyo: Siye simxelele uThixo into makayenze ngalomntu (siyamqalekisa loo mntu). Okanye sithi siyafuna uxolela ("Nkosi, ndincede ndixolele") kodwa singasenzi ngokwenene isigqibo.

Ukuzisa amatyala okuhlukumezeka kuThixo

UThixo ngumgwebi kwaye sinelungelo lokuzisa onke amatyala kuye. Singaqiniseka uba uzokugweba kakuhle kwaye uzakugweba wonke umntu-ayingomsebenzi wethu lowo. Asinalungelo lokubuyekeza abanye ngobubi okanye siziphindezele kubo.
Ngohlobo esenza ngalo emhlabeni lokuzisa amatyala kumantyi, singenza ngolohlobo nakuThixo ukumphathela amatyala. Akufuneki ukuba sibenoloyiko lokuba siyamona uThixo, singakwazi ukumchazela yonke into simbonise nendlela esiziva ngayo ngukupheleleyo. Xa sigqibile, siziyeke zonke izityholo futhi sinikezele ngako konke ezandleni zikaThixo. Siyeke ukuqhubekeka sigweba omnye umntu ngokwethu, kodwa siwuyekele kuThixo yedwa umgwebo.

Ezinye iintluva

Ukusebenzisa uncedo olusuka kumncedisi.
kunzima ukulandela lamanyathelo okuxolela uwedwa ungashiyi nto. Khangela umntu ozokuncedisana nawe kunye nozokuthandazisa ekwenzeni lamanyathelo!
isono sethu
Xa sikhathazekile, siye singaqondanga sihlukumeze abanye abantu senze isono kubo. Kubalulekile uba singenzi ngathi asiboni kufuneka siguquke sicele uxolo. Kufuneka siphicothe zonke ingcinga zethu ngoku ngokukhawuleza!
ukuzixolela
ngamanye amaxesha sinomsindo kuthi okanye siyazisola ngento esiyenzileyo. UThixo usinika indlela yokuba sizixolele kwaye asenze msulwa ngonyana wakhe uYesu Krestu. Ukuzixolela kuthetha ukwamkela isipho sakhe ndisisebenzise kum.
Ukuxolela uThixo
ngamanye amaxesha sinengcinga ezimbi ngoThixo okanye sinomsindo ngento ayenzileyo. UThixo akenzi ziphoso, ngenxa yaloo nto asikwazi ukumxolela. Kodwa kubalulekile ukuba siyiyeke imisindo yethu nengcinga ezimbi ngaye.
Ukuhlala kuxolelo
ukuba iingcingane ziye zaphinda zafika, zikhumbuze ukuba uye wakhetha ukuxolela emva koko zizogqitha ezongcingane. Kodwa ngamanye amaxesha kuyakwazi ukwenzeka ukuba kukho ukukhathazeka okunzulu okanye izinto ubungazicinganga ekuqaleni. Kwezomeko ke singaphinde siqalise ukuxolela kwakhona ukwenzela uba siphile emphefumlweni.

Ukuziphicotha isiqu sam

Thatha imizuzu emibini ubuze lemibuzo kuThixo wakugqiba ubhale phantsi iimpendulo:

Thixo, ngubani ekufuneka ndimxolele?
Mamela uThixo uphicothe bonke abantu onobudlelwane nabo (abazali, usapho lwakho, abahlobo,abamelwane, abantu ofunda nabo, ootitshala, iinkokheli,isiqu sakho, UThixo, ...) Ndandihlukumezeke njani kwaye ngubani?

Iintluva zokuqaphela uba ubudlelwane obuthile busempilweni na okanye kukho ingxaki:

  • Cinga ngalomntu: uyakwazi ukumnqwenelela okuhle ngentliziyo yakho yonke?
  • yibanomfanekiso ngqondweni uba udibana naloo mntu esitalatweni: ungaziva njani? Ingaba usenempindezelo entliziyweni yakho?

Zifundise

Zeziphi iziqalekiso endifuna ukuzilungisa kuqala?
Ngubani ekufuneka endincedisile kulento? Cacisa uba uzoqhubekeka kanjani!